







UNGCELELE LWESONDO

















Izinto ocinga ngazo lonk'ixesha kwiminyaka yobutsha bakho luthando nesondo. Kwenzeka ntoni xa uziva unenkanuko yomntu wesini esifana nesakho, kuze oko kungapheli. Kunzima ukuba ngumntu okhanuka abantu abafana nawe eMzantsi-
Afrika. UTyhila Ufunde uqwalasela indlela onokuguqula ngayo lo mkhwa.


Amakhanukan odwa Aneqhayiya



Maninzi amagama
Asetyenziswa ukuchaza
Amadoda namabhinqa akhanuka abantu besini esifana nesawo. Kukho namagama angathandekiyo abizwa ngawo amakhanukan'odwa.

Kodwa eMzantsi-Afrika akagqibeli ngokuthukwa nangokubizwa ngamagama amabi. Amaninzi abethiwe, agxothwa emakhayeni awo, yaye ayacalulwa kwiindawo zemisebenzi.

Kubangelwa yintoni oko? Kubangelwa kukuba abantu beneembono ezahlukeneyo
Ngamakhanukan'odwa. Abanye abantu bathi akuyondalo ukukhanuka umntu wesini esifana nesakho. Udla ngokubeva abo bantu besithi uThixo wadala amadoda namabhinqa ukuze bazale abantwana, nokuthi kulinyala ukuba nendibano yesondo nomntu ofana nawe. Abo bantu abawathandi amakhanukan' odwa.
Kukho abantu abakholelwa ekubeni amakhanukan 'odwa afanele afumane amalungelo njengomntu wonke. Bayazi ukuba kunzima eMzantsi-Afrika ngenxa yengxaki yabo yaye bathi mabangacalucalulwa. Ngaba uthini wena ngalo mba?

Umgaqo-siseko eMzantsi-Afrika ngowona mthetho mkhulu welizwe. Lo mgaqo-siseko uthi makungabikho mntu acalucalulwayo ngenxa yemeko yakhe kwezesondo. Oko kuthetha ukuba xa ukhanuka abantu besini esifana nesakho, awufanelanga ungcungcuthekiswe.

Nangona umthetho uwakhusela amalungelo abantu, usemninzi umsebenzi ekufuneka wenziwe wokufundisa abantu. Makhe sifunde ibali likaRonald .



Amakhasi Olutsha

